Change is not always a bad thing

Varsity Cup columnist Vata Ngobeni admits that he was against the change that has been introduced into this year's Varsity Cup of altering the scoring system which has seemingly worked perfectly well for many years.

Mandivume ukuba bendicasene notshintsho olubekileyo kulonyaka kwiFNB Varsity Cup.

Into yokuba kutshintshwe indlela ekubalwa ngayo, indlela ekudala isebenza kakuhle minyaka le.

Ibikade ilicebo elihle ukupha iqela elilele emgceni ithuba lokongeza amanqaku alo kabini ngokwenza iconversion.

Zange yabako inxaki ngamaqaku amathathu acutwayo ngesohlwayo sepenalty, ibonakalise ukonyusa umgangatho wendlela amaqela adlala ngayo.

Yilonto enza abaphati benze isigqibo sokutshintsha imithetho ethile ukwenza umboxo ubenomdla nomtsalane.

Njengukuba kusitshiwo emboxweni, ukulala emgceni konwabisa abalandeli kodwa ukunqanda utshaba ekulaleni umgceni kugodusa indebe.

Ndijongile nje kwelixesha likhoyo akhomntu unexesha lendebe ngoba abantu bonwabiswa kukulala emgceni nje ngabalandeli beAll Blacks kwiminyaka edlulileyo phambikoba benyuse indebe yomhlaba kulonyaka uphelileyo.

Mandivume ukuba oluhlobo lomboxo lumtsalane kwaye ukuba kukho iqela endinokulibukela ngaphandla kwamabokoboko ziAll Blacks kuba zinika umdla.

Ukuze sinyuse izibilini zethu ngalamadoda atsibatsibayo.

Umvuzo wamaqela alala emgceni kufuneka abengaphezulu ilungiswe nendlela ekubalwa ngayo.

Ingayimpambano ukwenyusa isibalo sokulala emgceni ukuyotsho kwisithandathu ngoba lonto inganyusa amanqaku ayotsho ngapha kho50.

Kodwa amaqela kungafuneka asebenze mpela kunoba alinde amanye amaqela amoshe azofumana lamanqaku amathathu asimahla.

Kukhona ukubadla kule Varsity Cup kwaye iInternational Rugby Board izakuyixoxa lendlela intsha yokubala amanqaku.

Ukuba kungatshintshwa ukubala ngoluhlobo leVarsity Cup kuyoze kube yinto enkulu eyenzwe yiVarsity Cup ukutshintsha umboxo kwilizwe lonke, into ezokunceda umboxo wonke ukuya phambili.

Umntu funeka angayithatheli phezulu lento qha acingele umboxo into endiyinqwenela iIRB nelizwe lonke lomboxo liyenze.

* Vata Ngobeni is the chief rugby writer for the Pretoria News.

Click HERE for the English version of this column.