The door is open

Xhosa columnist Vata Ngobeni wonders if new Springbok coach Heyneke Meyer will be keeping an eye on the 2012 Varsity Cup and Shield tournaments in a bid to unearth the next generation of star players in South Africa...

Ubusuku bangoMvulo asoze buphinde bufane oko kwaqala iFNB Varsity Cup ne Shield kwiminyaka emine edlulileyo.

Ubomi babo badlalayo kuletonamente soze buphinde bufane nakuqala.
 
Kumawaka abantu abathanda umbhoxo,nabo bafunda kulamaziko emfundo adlalayo,asoze kuphinde kufane nakuqala ngemiVulo. Xana kunje kuthi, inoba kunjani ke kubadlali bombhoxo ukubamnandi.
 
Ukuba ungasusa nje imbeko yokudlalela isikolo sakho, ukukhwazwa igama lakho ngabalandeli ubeke nje ukuveza ikhono lakho kufanele ukuba yeyona nto leyo ibonwabisayo abadlali.

Kwaye ke isekwangulo mbhoxo wangomvulo lo usivezele i center yeziSpringbok uJuan de Jongh ne kapteni weLions uJosh Strauss.
 
Emveni kokubukela umdlalowokuqala wale tonamente, nditsho ndithi iyakude legenge.

Kodwa ke asiyomidlalo eBloemfontein okanye eDikeni endenza ndicinge lonto, kodwa ngamazwi womqeqeshi weziSpringbok uHeyneke Meyer.
 
Uthe uMeyer asoze ajonge kwiSuper Rugby nakwiCurrie Cup kuphela xana ejonga italente, kodwa uzokujonga napha kumaqela amancinci akhoyo nakwiVarsity Cup.

Ugxininisile ke lowayeqeqesha iBulls neSuper 14 ukuba uzakuyijonga nyani italente pha kwiVarsity Cup, ayiphuhlisa ade azise abadlali nakwiqela leziSpringboks.
 
Ndiqinisekile ke ukuba uMeyer lo akathethi njekuba evuyisa abagxeki kodwa unyanisile, uzakuyenza nyani lento ayithethayo.

Xa ujonga ke umsebenzi kaMeyer phana kwiBulls, kuyabonakala ke nyani ukuba uyakholelwa kumatyendyana kwaye akoyiki uku wadlalisa ebaleni.
 
Ukuba umdlali udlala kakuhle akuthethi nto ukuba mdala kangakanani.

Luvuliwe ke nyani ucango kulamatyendyana abilela izikolo zawo.

Akudlalelwa nje indebe, kudlalelwa indawo kwiziSpringboks!

* Vata Ngobeni is the chief rugby writer for the Pretoria News.

Click HERE for the English version of this column.

Add a comment