The trophy has to go north
Our Xhosa columnist Vata Ngobeni thinks the Varsity Cup trophy will head up north this year... with teams like UP-Tuks, Shimlas and NWU-Pukke all impressing him during the first week's action.

Abantu baseKoloni basoloko bethetha ngathi lilungelo labo ukuphumelela iFNB Varsity Cup minyakale ngakkumbi xa iStomers ne Westrn Province zingakwazangazona ukubuya nazo iindebe. Mhlawubi bekunjalo ukuqala kolukhuphiswano kodwa ndinento ethi zijikile izinto.
Kusekutsha ukuba ndingathetha ngamaqela anokufikelela kwi semi nakwi finals, xa unojonga nje imidlalo yokuqala kulendebe. Ndingatsho kodwa ngokuzithemba ukuba ndibone ngokwaneleyo, ndingawa tsholamaqela.
iKeys aziqalanga kakuhle ukulwela indebe xabezidldla neShimlas kwaye xa sele usemva kolukhiphiswano, kubenzima uphinde ubuyele endaweni. Andithi iKeys ayisoze iphumelele kodwa sele ibonakele kwamanye amaqele ukuba inkenenkene phi, amanye amaqela azokusebenzisa ololwazi.
IiShimlas ingazizo ezingaqondakaliyo kolukhuphiswano kodwa ke andinawuthethanto ngeMaties nePukke okwangoku. Akhomntu ubonela iShimlas ntweni kodwake abangabodelelwa kuba bangabawaphelisa amaphupha amanye amaqela amaninzi nje ngokuba benzile kwiKeys ngoMvulo.
Ngabani owaziyo, mhlawumbi lo ingangunyaka apho iShimlas zizixeleleyo ukuba zona zingcono kuneMaties, Keys nTuks.
iMaties yona iqale lula yona kolukhuphiswano xa ibidlala ne TUT. Wonke umntouyayazi ukuba iTUT asiloqela onozijonga ngalo ukuba uqhuba njani kolukhuphiswano.
Ukubethwa ke kwe NMMU yiPukke bekucacile kwasekuqaleni kodwaiMadibaz zikwazile ukulawula iPukke, bezenzela amanqaku nabo. Lonto ibonakalise into yokuba iNNMU iveselelekile kodwa ithetha ntoni lonto ngePukke.
Akuzubakudala sizode sibone ukuba iPukke iphethe ntoni kanye nngaloMvulo xana bedlala neMatties ePotchefstroom.
iTuks yona iqale kakuhle ngokubethe iUJ, yeka nditsho ukuba ngathi bangaya kwi finals bona. iUJ yona iyathembisa qha njefuneka babambelele kwibhola balungise nelinouts zabo.
Ukuba bendingumntu oboniswayobendizakuthi ndiyasiboniswaisiphelo seKoloni sokuphumelela lendebe. Into ngoku iphakathi kwe Tuks,Shimlas mhlawumbi nePukke. Indebe iyeza eMantla ekugqibeleni.
* Vata Ngobeni is the chief rugby writer for the Pretoria News.
Click HERE for the English version of this column.
| Add a comment |









