Rise Eastern Cape, rise!
Finally, the sun is rising on Eastern Cape rugby and rightfully so, writes our Xhosa columnist Vata Ngobeni in his latest column on varsitycup.co.za.

Ukubonakalisa lonto, iSouthern Kings ziyinikwe imvume yokudlala kwi Super Rugby kwaye ne NMMU iyitwyatyushile iShimlas eBloemfontein.
Kwi seasons ezidlulileyo iMadibas neTUT kudala ziwabetha lamakhwenkwe, ziwakhupha kwelikhuphiswano. Kwaye wonke umntu ubecinga kuzobayilonto nangoku.
Ndiyazi ukuba ziphumelele nje kanye kodwa ndinento ethi zijikile izinto ngeMadibas umbhoxo wazo nowe Mpumakoloni uyaphambili.
Kudala abantu bethandabuza ukuqina kombhoxo weMpumakoloni kuba kaloku iBorder neEastern Province Rugby Union ayisekhontle imeko yazo.
Kodwa uba ungathi nje uyajonga kwimibutho yombhoxo ephezulu, ubuninzi babadlali baphuma pha kwizikolo zeBorder ne Eastern Province Union.
Iyathetheleleka into yokuba abantu abanikezele okukhulu kulomdlalo bawongwe ngokubuyiselwa kwe Super Rugby ebhayi. Eyonanto ibalulekileyo kodwa kukuba kuphunyelelwe imidlalo.
Ndinamathandabuzo nge Kings kwi Super Rugby kodwa nje ngomntu ozalelwe khona, kufuneka ndibonakalise ithemba.
Okwangoku ndivuyiswa yimpumelelo yeMadibas hayi kuba bebethe iShimlas kodwa kuba umsebenzi wabadlali nabaqeqeshi uyabonakala.
inde indlela ezakuhanjwa ziMadibas phambi koba bacinge ukuba bangayilwelwe iVarsity Cup, kodwa ke bayaya khona.
Kufanele ukuba lento ikhuthaze iFort Hare abasasokolayo kwiVarsity Shield.
iAlice neBhayi zisondelelene kwaye lonto ifanele ikunika abaphetheyo ithuba lokusondeza lamaqela ancedane ngazo zonke izinto azidingayo kuzoqina umbhoxo waseMpumakoloni.
Bakhona abazokundihleka ngelithemba lam bathi yimpambano kodwa nabafundi baseBloemfontein bebeziva kanjalo ngoMvulo kodwa jonga ngoku ngubani ohleka kakhulu.
* Vata Ngobeni is the chief rugby writer for the Pretoria News.
Click HERE for the English version of this column.
| Add a comment |









